1 Amazwi kaYeremiya unyana kaHilekiya, wakubabingeleli baseAnatoti ezweni lakwaBhenjamin:
2 ekwafika kuye ilizwi likaYehova ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka weshumi elinesithathu wobukumkani bakhe;
3 nangemihla kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekupheleni komnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwada kwaba sekufudusweni kweYerusalem ngenyanga yesihlanu.
4 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
5 Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga.