1 Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi:Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo.
2 Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.
3 Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu!
4 UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala.
5 Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhlèni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.
6 Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.
7 Ngenxa enokuba ùkholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe,* ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.
8 Úya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.
9 Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wóphuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.
10 Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.
11 Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.
12 Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe.
13 Úya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo.
14 Ningáthini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni?
15 Úyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
16 Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu.
17 Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba.
18 Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, úzonakalisile iinqaba zakho.
19 Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na?
20 UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi.
21 Umgwebo ulifikele ilizwe lehewu, iHolon neYatsa neMefahati;
22 neDibhon, neNebho, neBhete-dibhelatayim;
23 neKiriyatayim, neBhete-gamuli, neBhetemehon;
24 neKeriyoti, neBhotsera, nemizi yonke yelizwe lakwaMowabhi, ekude kwanekufuphi.
25 Luxakaxiwe uphondo lukaMowabhi, ingalo yakhe yaphulwe; utsho uYehova.
26 Mnxiliseni, ngokuba ezikhulisile kuYehova; akhahlelèke uMowabhi emhlanzweni wakhe, abe yintlekisa naye.
27 Wayengeyintlekisa na kuwe uSirayeli? Wayefunyenwe phakathi kwamasela, kusini na, ukuba ùhlunguzele intloko, xa sukuba ubuthetha ngaye?
28 Shiyani imizi, nihlale ezingxondorheni, bemi bakwaMowabhi, nibe njengevukuthu elakhela phesheya, eludinini lomwonyo.
29 Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe.
30 Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo.
31 Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres.
32 Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulìlela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.
33 Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; àbayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.
34 Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko.
35 Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isigànga ukuba aqhumisele koothixo bakhe.
36 Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.
37 Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo.
38 Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova.
39 Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Úyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.
40 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Uyabona, utshaba luyatshwebeleza njengexhalanga, lolule amaphiko alo phezu koMowabhi.
41 Ithinjiwe iKeriyoti, zihluthiwe iimboniselo. Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba; atshabalale uMowabhi,
42 angabi ngabantu, ngokuba ebezikhulisile kuYehova.
43 Ùfikelwe lunkwantyo, nomgongxo, nesibatha, mmi wakwaMowabhi; utsho uYehova.
44 Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova.
45 Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo.
46 Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.
47 Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova.Uzé wafika apha umgwebo wakwaMowabhi.