Uyeremiya 44 XHO75

UYeremiya ukhalimela unqulo-zithixo lwamaSirayeli eYiputa

1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele kumaYuda onke ahleliyo ezweni laseYiputa, ahleli eMigidoli, naseTapanesi, naseNofu, nasezweni lasePatrosi, lalisithi:

2 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;

3 ngenxa yobubi ababenzáyo, ukuze bandiqumbise ngokuya kuqhumisela nokukhonza thixo bambi, ababengabazi bona, nani, nooyihlo.

4 Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.

5 Noko ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo, ukuba babuye ebubini babo, bangàqhumiseli thixweni bambi.

6 Báphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.

7 Kaloku utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yini na ukuba niyenzele ububi obukhulu kangaka imiphefumlo yenu, bokunqumla kuni indoda nomfazi, umntwana nosebeleni, kwelakwaYuda, kungasali masalela kuni;

8 ngokundiqumbisa ngezenzo zezandla zenu, ngokuqhumisela thixweni bambi ezweni laseYiputa, eneza kuphambukela kulo; ukuze nizinqumle ngokwenu, nibe yintshabhiso nesingcikivo ezintlangeni zonke zehlabathi?

9 Nizilibele na izinto ezimbi zooyihlo; izinto ezimbi zookumkani bakwaYuda, nezinto ezimbi zabafazi babo, nezinto ezimbi zenu ngokwenu, nezinto ezimbi zabafazi benu, abazenzáyo ezweni lakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem?

10 Unanamhla abatyumkanga, aboyikanga, abahambanga ngomyalelo wam nangemimiselo yam, endayibeka phambi kwenu naphambi kooyihlo.

11 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ubuso bam ndiya kububhekisa kuni, ukuba kube kubi, anqunyulwe onke amaYuda.

12 Ndiya kuwathabatha amasalela akwaYuda, abubhekisileyo ubuso bawo ekuyeni ezweni laseYiputa ukuba aphambukele khona, agqitywe onke; aya kuwa ezweni leYiputa; aya kugqityelwa likrele nayindlala, kuthabathele kwabancinane kuse kwabakhulu; aya kufa likrele nayindlala, abe yintshwabulo, nommangaliso, nentshabhiso, nesingcikivo.

13 Ndiya kubavelela abahleli ezweni leYiputa, njengoko ndayivelelayo iYerusalem ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

14 Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abezé kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.

15 Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,

16 Ilizwi elo ulithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula ngalo.

17 Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthulùlele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlútha ke sisonka, salunga, asabona bubi.

18 Kususela koko sayekayo ukuqhumisela kukumkanikazi wezulu, nokumthululela iminikelo ethululwayo, saswela iinto zonke, sagqityelwa likrele nayindlala.

19 Xa ke thina bafazi síqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, símthululelayo iminikelo ethululwayo, símenzela izonkana zokuba eyilwa, símthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu àkakho na kuthi?

20 Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphenduláyo ngelo lizwi, wathi,

21 Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, àkakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?

22 UYehova àkaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.

23 Ngenxa yokuqhumisela kwenu, nangenxa yokona kwenu kuYehova, ànaliphulaphula izwi likaYehova, ànahamba ngomyalelo wakhe, nangemimiselo yakhe, nangezingqino zakhe: ngenxa yoko bunihlele obo bubi, njengoko kunjalo namhla.

24 Wathi uYeremiya kubantu bonke, nakubafazi bonke, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda asezweni leYiputa;

25 utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nina nabafazi benu niyathetha ngomlomo wenu, nangezandla zenu nikuzàlise, nisithi, Masenze izibhambathiso zethu, esabhambathisa ngazo, zokuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo:

26 zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifungé igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.

27 Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.

28 Baya kubuya ezweni leYiputa abasindé ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alàzi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.

29 Nangu ke umqondiso kuni, utsho uYehova, wokuba ndiya kunivelela kule ndawo, ukuze nazi ukuba amazwi am aya kuma, animele ububi.

30 Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamnikela uFaro-hofra, ukumkani weYiputa, esandleni seentshaba zakhe, esandleni sabafuna umphefumlo wakhe, njengoko ndamnikelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utshaba lwakhe, olube lufuna umphefumlo wakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52