Uyeremiya 4 XHO75

1 Ukuba ùthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, àkwaphalaphala;

2 wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zózisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.

3 Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.

4 Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.

Okuya kuhlela abangaguqukiyo

5 Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.

6 Phakamisani ibhanile* ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.

7 Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; úphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenzìwe imiwewe, ingabi nabemi.

8 Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.

9 Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangàkhulumi abaprofeti.

10 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ùbalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.

11 Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;

12 umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.

13 Yabona, únyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo.Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!

14 Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?

15 Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim:

16 khankanyani ezintlangeni; yabonani, vakalisani eYerusalem, nithi, Abangqingi beza bevela ezweni elikude, belikhuphela ilizwi labo phezu kwemizi yakwaYuda.

17 Njengabalindi bamasimi bayichasa ngeenxa zonke; ngokuba ibineenkani kum, utsho uYehova.

18 Iindlela zakho neentlondi zakho zakwenzela oko. Zizinto zakho ezimbi ezo, inene zikrakra, inene zifike entliziyweni yakho.

Umbono wesiphanziso

19 Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba ùsivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.

20 Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.

21 Kunini na ndibona ibhanile,* ndisiva isandi sesigodlo?

22 Kuba bamathile abantu bam, mna àbandazi; ngoonyana abazizidenge, àbanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa àbakwazi.

23 Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.

24 Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.

25 Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.

26 Ndakhangela, nantso iKarmele* iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.

27 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingàligqibeli kuphele.

28 Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.

29 Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.

30 Ke wena ubhuqiweyo, uya kuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya,* ufumane wahomba; ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,

31 Ngokuba ndivé ilizwi elinjengelomfazi onenimba, imbandezelo enjengeyozibulayo, izwi lentombi enguZiyon; inesingqala, izolula izandla zayo, isithi, Athi ke mna! ngokuba umphefumlo wam utyhafile ngababulali.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52