Uyeremiya 6 XHO75

Ungqingo lweYerusalem

1 Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhetehakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu.

2 Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa.

3 Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe.

4 Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka.

5 Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.

6 Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo.

7 Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yénjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho.

8 Yáleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.

9 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.

10 Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, àyaluswanga indlebe yabo, àbanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, àbalinanzile.

11 Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Bùphalazéle phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.

12 Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.

13 Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

14 Bákuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

15 Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke àbadani nokudana, àbakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

Ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo

16 Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; báthi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.

17 Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; báthi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.

18 Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

19 Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

20 Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo* evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.

21 Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubèke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.

22 Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.

23 Baqubulé isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.

24 Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.

25 Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela; ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke.

26 Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba úya kusizela ngesiquphe umbhuqi.

27 Ndikwenzé umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo.

28 Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa.

29 Itshé ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki.

30 Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52