Uyeremiya 38 XHO75

Ukuphoswa kukaYeremiya emhadini onodaka

1 Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi,

2 Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.

3 Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.

4 Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.

5 Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, úsezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenáni.

6 Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.

7 Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfaké emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.

8 Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi,

9 Nkosi yam, kumkani, la madoda enzé into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; úya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.

10 Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.

11 UEbhedi-meleki wathabatha amadoda lawo asesandleni sakhe, waya endlwini yokumkani ngaphantsi kwendlu yobuncwane, wathabatha khona amadlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo, wawathobela kuYeremiya emhadini ngezintya.

12 Wathi uEbhedimeleki umKushi kuYeremiya, Khawubeke la madlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo phantsi kwamakhwapha akho ngaphantsi kwezintya.

13 Wenjenjalo uYeremiya. Bamrhola uYeremiya ngezintya, bamnyusa emhadini; uYeremiya wahlala entendelezweni yabalindi.

14 Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova. Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum.

15 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Ukuba ndithe ndakuxelela, àkuyi kundibulala undibulale na? Nokuba ndithe ndakucebisa, àkuyi kundiphulaphula.

16 Ukumkani uZedekiya wamfungela uYeremiya ngasese, esithi, Ehleli nje uYehova, owasenzela lo mphefumlo, inene, andiyi kukubulala, andiyi kukunikela ezandleni zaloo madoda awufunayo umphefumlo wakho.

17 Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba ùthe waphuma ukuphuma oku, waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wóphila umphefumlo wakho, nalo mzi ungàtshiswa ngomlilo; uphile wena nendlu yakho;

18 ke ukuba uthe akwaphuma uye kubathetheli bokumkani waseBhabheli, lo mzi wonikelwa esandleni samaKaledi, awutshise ngomlilo, wena ke ungasindi esandleni sawo.

19 Ukumkani uZedekiya wathi kuYeremiya, Ndinesithukuthezi ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam.

20 Wathi uYeremiya, Akayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaYehova, ngokoko ndilithethileyo kuwe; kolunga kuwe, uphile uphefumlo wakho.

21 Ke ukuba uthe akwavuma ukuphuma, nali ilizwi andibonise lona uYehova, lokuthi,

22 Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda, baya kukhutshwa basiwe kubathetheli bokumkani waseBhabheli, bathi abafazi abo, Amadoda axolelene nawe akuxhokonxile, akweyisile; zitshonile nje emgxobhozweni iinyawo zakho, wona abuya umva.

23 Ke bonke abafazi bakho noonyana bakho baya kukhutshwa, basiwe kumaKaledi, ungasindi wena esandleni sawo; ke wena uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabheli, utshisise lo mzi ngomlilo.

24 UZedekiya wathi kuYeremiya, La mazwi makangàziwa mntu, ukuze ungafi.

25 Xa ke bathe beva abathetheli ukuba ndithethe nawe, beza kuwe, bathi kuwe, Khawusixelele oko ukuthethileyo kukumkani; musa ukukufihla kuthi, asiyi kukubulala; kwanakuthethileyo ukumkani kuwe:

26 wóthi kubo, Ndiwisé utarhuziso lwam phambi kokumkani, ukuba angandibuyiseli endlwini kaYonatan, ndifele khona.

27 Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abewise umthetho ngawo ukumkani. Bathi tu, bemka kuye; ngokuba ayivakalanga le nto.

28 Wahlala uYeremiya entendelezweni yabalindi, kwada kwangumhla eyathinjwa ngawo iYerusalem.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52