Uyeremiya 32 XHO75

Intlawulelo yomhlaba eAnatoti

1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare.

2 Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe ente ndelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.

3 Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Útsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

4 angàsindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; úya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthèthe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;

5 amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.

6 Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

7 Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.

8 Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.

9 Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele* ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.

10 Ndakúbhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.*

11 Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;

12 ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.

13 Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,

14 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.

15 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.

16 Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,

17 Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.

18 Ùnguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;

19 ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;

20 wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, únanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.

21 Wábakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo,

22 nangoloyikiso olukhulu. Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubànike ilizwe elibaleka amasi nobusi.

23 Beza ke balihlala; kodwa àbaliphulaphula izwi lakho, àbahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiseláyo umthetho ngako ukuba bakwenze, àbakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.

24 Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke únikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.

25 Ke wena, Nkosi yam Yehova, ùthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakùbona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.

26 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

27 Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?

28 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

29 ezé amaKaledi alwayo naló mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali* phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.

30 Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.

31 Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,

32 ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bóna, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.

33 Bándinikela ikhosi, àbandinikela ubuso; báfundiswa, befundiswa kwakusasa, àbaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.

34 Bábeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;

35 bámakhela uBhahali izigánga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki* oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.

36 Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Únikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,

37 Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.

38 Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;

39 ndibànike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.

40 Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibènzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.

41 Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndínyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.

42 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo.

43 Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nìthi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi.

44 Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52