44 Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.