16 Ndiya kuthetha elokubagweba kwam ngenxa yobubi babo bonke, kuba bendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda emisebenzini yezandla zabo.
17 Ke wena, bhinqa amanqe akho, usuk' ume, uthethe kubo konke endikuwisela umthetho ngako. Musa ukuqhiphuka umbilini ngabo, hleze mna ndikuqhiphule umbilini ngabo.
18 Uyabona ke, mna ndikwenza namhla umzi onqatyisiweyo, intsika ýesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, lokumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, kubabingeleli balo, nakubantu belizwe.
19 Baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.