20 Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.
21 Ngokuba abalusi bába zizityhakala, àbamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo.
22 Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni lasentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye.
23 Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.
24 Ndíthethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise.
25 Phalaza ubushushu bakho phezu kweentlanga ezingakwaziyo, naphezu kwemizalwane engalinquliyo igama lakho; ngokuba zimdlile uYakobi, zimdlile zamgqiba, ikriwa lakhe zalenza laba senkangala.