8 Zizityhakala, ziinyabi zodwa; uqeqesho lwento engento, ngumthi.
9 Yisilivere ekhandiweyo, iziswa ivela eTarshishe, negolide yaseUfazi, isenzo sengcibi nesezandla zomnyibilikisi wegolide; yimisonto emsi nemfusa izambatho zazo; zonke ziphela zisisenzo sezilumko.
10 Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe.
11 Nótsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.
12 Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;
13 kwakubon' ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.
14 Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.