1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
2 Waveni amazwi alo mnqophiso, nithethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem;
3 uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,
4 ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: nòba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;
5 ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.
6 Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.