20 Yehova wemikhosi, ugwebayo ngobulungisa, uzicikidayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndiyityhilile kuwe imbambano yam nabo.
21 Ngako oko, utsho uYehova ngamadoda aseAnatoni, awungxameleyo umphefumlo wakho, esithi, Uze ungàprofeti egameni likaYehova, ukuze ungafi ngezandla zethu;
22 ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kuwavelela; amadodana aya kufa likrele, oonyana babo neentombi zabo ziya kufa yindlala.
23 Akuyi kubakho masalela kubo, ngokuba ndiwazisela ububi amadoda aseAnatoti, umnyaka wokuvelelwa kwawo.