3 uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,
4 ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: nòba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;
5 ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.
6 Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.
7 Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.
8 Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazìsa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; àbawenza.
9 UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.