8 Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.
9 Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.
10 Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isizibá sam somhlaba; basibharhisile isizibá sam esinqwenelekayo, sayintlango.
11 Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko.
12 Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke.
13 Báhlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, àbafeza utho. Danani ke lúngeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.
14 Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.