14 ndibahlekézele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonákalisi.
15 Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.
16 Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembé ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.
17 Ukuba anithanga nikuve oko, wólila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
18 Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba síyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.
19 Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.
20 Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Úphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?