2 Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.
3 Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,
4 Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.
5 Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.
6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.
7 Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungàsenamsebenzi.
8 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,