20 Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Úphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?
21 Wòthini na, xa athe abo ke ùbaqhelise ukuba ngamakholwane akho, wabenza bangabaveleli, bayintloko kuwe? Ayiyi kukubamba na inimba, njengomfazi ozalayo?
22 Naxa uthe entliziyweni yakho, Kungani na ukuba ndifikelwe zezi zinto? ngobuninzi bobugwenxa bakho utyhilekile ingubo, zagonyamelwa izithende zakho.
23 UmKushi únokuluguqula na ulùsu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningába ke ninako ukulungisa nani, baqhelé ukwenza okubi.
24 Ndiya kuaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.
25 Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba ùndilibele, wakholosa ngobuxoki.
26 Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.