23 UmKushi únokuluguqula na ulùsu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningába ke ninako ukulungisa nani, baqhelé ukwenza okubi.
24 Ndiya kuaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.
25 Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba ùndilibele, wakholosa ngobuxoki.
26 Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.
27 Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana ingumzuzu ongakanani na.