5 Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.
6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.
7 Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungàsenamsebenzi.
8 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
9 Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratski lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.
10 Aba bantu bànobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.
11 Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoba, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.