11 UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.
12 Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?
13 Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;
14 ndíbuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwé umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.
15 Wena, Yehova, uyazi, Ndíkhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungàndikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.
16 Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum àba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.
17 Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.