1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Uze ungazeki mfazi, ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.
3 Ngokuba uYehova utsho ngoonyana neentombi ezizalelwa kule ndawo, nangoonina ababazalayo, nangooyise ababazalayo kweli lizwe, ukuthi,
4 Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangàmbanjazelelwa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.
5 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.
6 Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangàngcwatywa, kungàmbanjazelwa ngenxa yabo, kungàcentwa, kungàchetywa ntloko ngenxa yabo;
7 bangàqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangàsezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina.