19 UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
20 uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, nina kumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.
21 Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningà thwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;
22 ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihla.
23 Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.
24 Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, ànangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, ànenza nalinye ishishini ngawo:
25 kothi ke kungene ngamasango alo mzi ookumkani nabathetheli, abahleli etroneni kaDavide, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona, nabathetheli babo, amadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem; lo mzi umìwe ngonaphakade,