2 Njengokubakhumbula kwabo oonyana babo, bayazikhumbula izibingelelo zabo, nooAshera* babo ngasemithini eluhlaza, ezindulini ezinde.
3 Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, nezigánga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.
4 Ùya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhònzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
5 Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;
6 ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
7 Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
8 kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.