4 Ùya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhònzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
5 Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;
6 ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
7 Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
8 kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
9 Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
10 Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.