4 Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
5 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
6 Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo undongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.
7 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.
8 Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.
9 Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;
10 kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.