1 Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhlu ababingeleli;
2 uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe.
3 Wòthi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo;
4 ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.
5 Bamakhela uBhahali* izigánga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.
6 Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete,* nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
7 Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.