25 Luthintele unyawo lwakho lungabi zé, nomqala wakho unganxanwa. Ùthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.
26 Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bòna ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
27 besithi emthini, Ùngubawo; nasetyeni, Ùndizele; ngokuba bandinikela ikhosi, àbandinikela buso; ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk' ume usisindise.
28 Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho bábengangenâni lemizi yakho, Yuda.
29 Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.
30 Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidlé abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.
31 Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kúngathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, àsizi kuwe?