1 Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam!
2 utsho uYehova, Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balúsa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova.
3 Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande;
4 ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.
5 Yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kummisela uDavide iHlumelo elililungisa, libe nguKumkani ongukumkani, enze yena ngengqiqo, enze okusesikweni nobulungisa ehlabathini.
6 Ngemihla yakhe úya kusindiswa uYuda, uSirayeli ahlale ekholosile; negama lakhe, aya kubizwa ngalo, leli lokuba, UYehova-ububulungisa-bethu.
7 Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi, Ehleli nje uYehova, owanyusa oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa;