15 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.
16 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.
17 Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.
18 Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibzele indlebe ilizwi lam, waliva?
19 Yabonani, umoya ovuthuzayo kaYehova, úphume ubushushu, umoya ovuthuzayo osisaqhwithi, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.
20 Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nòkugqala nikuqonde oko.
21 Andibathumanga abaprofeti abo, kugidimé bona; andithethanga kubo, kanti kuprofeté bona.