7 Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi, Ehleli nje uYehova, owanyusa oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa;
8 baya kuthi, Ehleli nje uYehova, owayinyusayo, owayizisayo imbewu yendlu yakwaSirayeli, ivela ezweni lasentla, nasemazweni onke endabagxothela kuwo; bahlale emhlabeni wabo.
9 Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.
10 Ngokuba ilizwe lizele ngabakrexezi, ngokuba ngenxa yentshwabulo ilizwe lenza isijwili; omile amakriwa entlango; ùsuke wambi umkhondo wabo, ubugorha babo abulunganga.
11 Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.
12 Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.
13 Kubaprofeti bakwaSamari ndibone ubufedelele; baprofeta ngoBhahali,* belahlekisa abantu bam amaSirayeli.