21 uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;
22 nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;
23 uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke;
24 nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango;
25 nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi;
26 nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asèle emva kwabo ukumkani waseSheshaki.
27 Ngoko ke wòthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.