5 Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nòhlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade;
6 ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.
7 Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.
8 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am, yabonani,
9 ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;
10 ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.
11 Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.