10 Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova.
11 Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.
12 Wathetha uYeremiya kubathetheli bonke nakubantu bonke, esithi, UYehova undithume ukuba ndiprofete ngale ndlu nangalo mzi onke amazwi eniwavileyo.
13 Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani.
14 Ke mna, yabonani, ndisesandleni senu; yenzani kum njengoko kulungileyo, kuthe tye, emehlweni enu.
15 Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.
16 Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.