14 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.
15 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.
16 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethé elokukreqa kuYehova.
17 Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.