1 Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabása eBhabheli
2 (emva kokuphuma kukaYekoniya ukumkani, nenkosikazi, namagosa, nabathetheli bakwaYuda neYerusalem, neengcibi, nabakhandi eYerusalem);
3 awayithumelayo ngesandla sikaElasa unyana kaShafan, noGemariya unyana kaHilekiya (awabathumelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eBhabheli), isithi:
4 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, kwabafudusiweyo bonke, endibafuduse eYerusalem, ukuba basiwe eBhabheli, ukuthi,
5 Yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
6 Zekani abafazi, nizale oonyana neentombi, nibazekele abafazi oonyana benu, iintombi zenu nizendisele kumadoda, zizale oonyana neentombi, nande khona, ninganciphi.