11 Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininikè ikamva nethemba.
12 Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule.
13 Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;
14 ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;
15 ndinibuyìsele endaweni endanifudusa kuyo, xa nithi, UYehova usivelisele abaprofeti eBhabheli.
16 Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni:
17 utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo.