17 utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo.
18 Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo;
19 ngethuba lokuba bengawaphulaphulanga amazwi am, utsho uYehova, endawathumela kuni ngabakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa; anivanga noko; utsho uYehova.
20 Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli.
21 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;
22 kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;
23 ngenxa yokuba benzé ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.