25 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi,
26 UYehova ukwenzé umbingeleli esikhundleni sikaYoyada umbingeleli, ukuze kubekho abaveleli endlwini kaYehova ngenxa kabani wonke obhudayo, ozenza umprofeti, ukuba umfake esitokisini* nasentanjeni.
27 Yini na ngoku, ukuba ungamkhalimeli uYeremiya waseAnatoti, ozenza umprofeti kuni?
28 Ngokuba ngenxa yoko ùthumele kuthi eBhabheli, esithi, Inde le nto; yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
29 UZefaniya umbingeleli wayilesa loo ncwadi ezindlebeni zikaYeremiya umprofeti.
30 Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi.
31 Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetèle, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki: