3 Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; ùsuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.
4 Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ùlikholwane lobutsha bam?
5 Úya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wènza ububi, ubufezile.
6 Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ùkubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.
7 Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakúbona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
8 Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinka incwadi yokwahlukana nalo, lisuké noko ingininginikazi uYuda, udade walo àloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
9 Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.