7 Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakúbona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
8 Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinka incwadi yokwahlukana nalo, lisuké noko ingininginikazi uYuda, udade walo àloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
9 Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.
10 Nakuko konke oko, àlabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.
11 Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.
12 Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.
13 Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.