2 Utsho uYehova, uMenzi woku; uYehova, uMyili woku, ukuba akuzimase; ugama lakhe linguYehova, ukuthi,
3 Ndínqule, ndikuphèndule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.
4 Ngokuba utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngazo izindlu zalo mzi, nangezindlu zokumkani bakwaYuda ezidiliziweyo ngenxa yeendonga zokungqinga, nangenxa yekrele;
5 bakubona ukuba baza kulwa namaKaledi, bazizalisa ngezidumbu zabantu, endibabulalayo ngomsindo wam nangobushushu bam, ekungenxa yezinto zabo zonke ezimbi, ukuba ndibusithelise ubuso bam kulo mzi:
6 ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphìlise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso.
7 Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYuda nokuthinjwa kukaSirayeli, ndibakhe njengokwasekuqaleni.
8 Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke, aboné ngabo kum; ndibuxolele ubugwenxa babo bonke, boné ngabo kum, bakreqa ngabo kum.