17 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininìkele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.