2 Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwangenise endlwini kaYehova, kwelinye igumbi, uwaseze iwayini.
3 Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nendlu yonke yamaRekabhi; ndabangenisa endlwini kaYehova,
4 egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.
5 Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.
6-7 Bathi bona, Asiyiseli iwayini; ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade; ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.
8 Siliphuláphule ke izwi likaYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, kuko konke awasiwisela umthetho ngako, ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu, thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu;
9 wokuba singakhi nazindlu zokuba sihlale kuzo, singabi nazidiliya, nantsimi, nambewu.