3 Ukumkani uZedekiya wathuma ooYehukali unyana kaShelemiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuYeremiya umprofeti, esithi, Khawusithandazele kuYehova uThixo wethu.
4 UYeremiya ke ubengena ephuma phakathi kwabantu, bengekamfaki entolongweni.
5 Ke kaloku impi kaFaro ibiphume eYiputa; aziva iindaba zayo amaKaledi abeyingqinga iYerusalem, esuka emka eYerusalem.
6 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi,
7 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela zweni layo eYiputa;
8 abuye ke amaKaledi, alwe naló mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo.
9 Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka.