1 Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi,
2 Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.
3 Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.
4 Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.
5 Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, úsezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenáni.
6 Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
7 Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfaké emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.