4 Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.
5 Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, úsezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenáni.
6 Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
7 Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfaké emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.
8 Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi,
9 Nkosi yam, kumkani, la madoda enzé into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; úya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.
10 Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.