14 bathuma bamthabatha uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnikela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba amkhuphe amse ekhaya. Wahlala ke phakathi kwabantu.
15 Ke kaloku, kwaye kufike ilizwi likaYehova kuYeremiya, akuba evalelwe entendelezweni yabalindi, lisithi,
16 Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.
17 Ke ndokuhlangula ngaloo mhla, utsho uYehova, ungànikelwa esandleni samadoda onxungupheleyo ngawo.
18 Ngokuba, inene, ndiya kukuzisa, ungawi likrele; úya kuba lixhoba kuwe umphefumlo wakho, ngokuba ukholose ngam; utsho uYehova.