8 Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.
9 Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangàkhulumi abaprofeti.
10 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ùbalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.
11 Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;
12 umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.
13 Yabona, únyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo.Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!
14 Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?