9 Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangàkhulumi abaprofeti.
10 Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ùbalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.
11 Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;
12 umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.
13 Yabona, únyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo.Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!
14 Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?
15 Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim: